John 15:26 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kodwa okuya afikayo umonwabisi, endiya kumtuma kuni evela kubawo, kwa umoya wenyaniso, opumayo kubawo, oyena uya kunqi̔na ngam:
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kodwa xa athe wafika uMthetheleli, endiya kumthuma mna kuni evela kuBawo, uMoya wenyaniso ophuma kuBawo, yena wongqina ngam.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kodwa akufika uMthetheleli, endiya kumthuma mna kuni evela kuBawo, uMoya wenyaniso ophuma kuBawo, wongqina ngam.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Ndakuba ndifikile kuBawo, ndonithumela uMmeli onguMoya wenyaniso ovela kuBawo. Xa athe wafika yena, wongqina ngam.