John 15:6 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ukuba umntu akahlali kum, uyalahlwa njengesebe, ashwabane; bati abantu bawabute, bawapose emlilweni, atshiswe ke.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ukuba umntu uthe akahlala kum, ulahlelwa phandle njengesebe, ome; baze abantu bawabuthe, bawaphose emlilweni, atshiswe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ukuba umntu uthe akahlala kum, ulahlelwa phandle njengesebe, ome; bazibuthe abantu, baziphose emlilweni, zitshiswe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ongahlali emanyene nam uyalahlwa, afane nesebe elilahliweyo laza loma. Amasebe anjalo ayaqokelelwa, aphoswe emlilweni atshe.