John 16:13 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kodwa okuya afikayo yena, kwa umoya wenyaniso, uya kunikapela kuyo yonke inyaniso: ngokuba engayi kuteta ngokwake; koko konke asukuba ekuva, uya kuteta kona; nezinto ezizayo uya kuzishumayela kuni.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Xa ke athe wafika yena uMoya wenyaniso, uya kunikhokelela kuyo yonke inyaniso; kuba engayi kuthetha okuphuma kuye, uya kuthetha izinto athe waziva, anibikele izinto ezizayo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Xa ke athe wafika yena uMoya wenyaniso, uya kunikhokelela kuyo yonke inyaniso; uya kuthetha athe wakuva, anibikele izinto ezizayo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Xa ke athe wafika yena uMoya wenyaniso, uya kunikhokelela kuyo yonke inyaniso. Akayi kuthetha ngegunya elilelakhe, koko uya kuthetha izinto azivileyo, anichazele izinto ezizayo.