John 16:19 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wazi kekaloku u‐Yesu ukuba bebefuna ukumbuza, waza wati kubo: Niyabuzana ngako oku na, ukuba ndati: Lixesha elincinane, nize ningandiboni; lixesha elincinane kanjako, naniya kundibona?
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wazi ngoko uYesu ukuba babethanda ukumbuza, wathi kubo, Nibuzana ngale nto na, yokuba ndithe, Selilixesha elifutshane, nize ningandiboni; kubuye kube lixesha elifutshane, nibuye nindibone?
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wazi ngoko uYesu ukuba babethanda ukumbuza, wathi kubo, Nibuzana ngale nto na, yokuba ndithe, Selilixesha elifutshane, nibuye ningandiboni; kubuye kube lixesha elifutshane, nibuye nindibone?
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UYesu wayesazi okokuba bafuna ukumbuza, waza wathi kubo: “Niyabuzana na ngale nto yokuba ndithe kwakufutshane anisayi kuba sandibona, kuthi kwakufutshane emva koko niphinde nindibone?