John 16:21 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Umfazi okuya azalayo unosizi, ngokuba lifikile ixeshana lake; kodwa okuya amzeleyo umntwana, akasabukumbuli ubunzima, ngenxa yovuyo lwake lwokuba umntu uzalelwe elizweni.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Umfazi xa aza kuzala, uyaxhalaba, ngokuba ilixa lakhe lifikile; xa athe ke wazala umntwana, akabi sayikhumbula loo mbandezelo, ngenxa yovuyo lokuba kuzelwe umntu ehlabathini.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Umfazi xa aza kuzala, uyaxhalaba, ngokuba ilixa lakhe lifikile; xa athe ke wazala umntwana, akabi sayikhumbula loo mbandezelo, ngenxa yovuyo lokuba kuzelwe umntu ehlabathini.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Umfazi uba sezintlungwini lakufika ixesha lokuba azale. Kodwa akuba emzele umntwana akabi sazikhumbula ezo ntlungu, kuphela nje uba novuyo kuba kuzelwe umntu ehlabathini.