John 16:4 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Koko ezizinto ndizitetile kuni, ukuze niti, okuya ixeshana lifikayo, nizikumbule ukuba ndanixelela zona: kodwa andinixelelanga ezizinto kwa sekuqaleni, ngokuba bendiko nani.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ezi zinto ndizithethile kuni, ukuze, xa lithe lafika ilixa, nizikhumbule ukuba mna ndandinixelele. Ezi zinto ke andinixelelanga kwasekuqaleni, ngokuba bendinani.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ezi zinto ndizithethile kuni, ukuze, xa lithe lafika ilixa, nizikhumbule ukuba mna ndandinixelele. Ezi zinto ke andizithethanga kuni kwasekuqaleni, ngokuba bendinani.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ndinixelela ezi zinto ukuze kuthi, lakufika ixesha lokuba ezi zinto bazenze, nikhumbule okokuba ndandinixelele.” “Ekuqaleni andinixelelanga ezi zinto, kuba bendikunye nani.