John 17:24 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Bawo! abo undinikile bona, nditanda ukuba apo ndikoyo mna, nabo babe kona ndawonye nam; ukuze babone ubungcwalisa bam, obo endandibunikwa nguwe; ngokuba wabunditanda lingekamiswa ilizwe.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Bawo, ndithanda ukuba nabo abo undinike bona, babe nam, apho ndikhona mna; ukuze balubone uzuko lwam owandinika lona;ngokuba wandithanda kwaphambi kokusekwa kwehlabathi.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Bawo, ndithanda ukuba nabo abo undinike bona, babe nam, apho ndikhona mna; ukuze balubone uzuko lwam owandinika lona; ngokuba wandithanda kwaphambi kokusekwa kwehlabathi.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Bawo, njengoko ubanike mna nje, ndithanda ukuba babe lapho ndikhoyo, babubone ubungangamsha ondinike bona, kuba wandithanda lingekadalwa nokudalwa ihlabathi.