John 18:1 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
WATI u‐Yesu akuba ebetetile la mazwi, wapuma nabadisipile bake waya pesheya kwomlanjana we‐Kidrone, apo bekuko umyezo kona, ekwangena kuwo yena nabadisipile bake.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Akuzithetha uYesu ezi zinto, waphuma nabafundi bakhe, waya phesheya komlanjana oyiKidron, apho kwakukho umyezo, awangena kuwo yena nabafundi bakhe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Akuba ezithethile uYesu ezi zinto, waphuma nabafundi bakhe, waya phesheya komlanjana oyiKidron, apho kwakukho umyezo, awangena kuwo yena nabafundi bakhe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Emva kwalo mthandazo uYesu wawelela ngaphesheya komlanjana iKedron, ehamba nabafundi bakhe. Kwakukho igadi kuloo ndawo; uYesu wangena kuyo kunye nabafundi bakhe.