John 18:16 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kodwa u‐Petrosi ebemi ngaselucangweni ngapandle. Wandula wapuma lomdisipile omnye, obesaziwa ngumperisite omkulu, wateta kumgcinikazi wocango, wamngenisa u‐Petrosi.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
UPetros ke ubemi ngasesangweni ngaphandle. Waphuma ke omnye umfundi, lowo ubesazeka kumbingeleli omkhulu, wathetha nomgcini-sango, wamngenisa uPetros.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
uPetros ke wayemi ngasemnyango ngaphandle. Waphuma ke omnye umfundi, lowo ubesazeka kumbingeleli omkhulu, wathetha nomgcini-sango, wamngenisa uPetros.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UPetros yena wasala ngaphandle kwesango. Waphuma ke lo mfundi wayeqheliwe apho, wathi ethethe nesicakazana esigcina isango, wamngenisa uPetros.