John 18:23 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wati u‐Yesu ukulipendula: Ukuba ndateta ngokukohlakeleyo, nqi̔nela ukukohlakala oko: kodwa ukuba ndateta ngokulungileyo, uyandibetela nina?
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Waliphendula uYesu wathi, Ukuba ndithethe kakubi, ngqinela ububi obo; kodwa ukuba ndithethe kakuhle, undibethelani na?
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wamphendula uYesu wathi, Ukuba ndithethe kakubi, ngqinela ububi obo; kodwa ukuba ndithethe kakuhle, undibethelani na?
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Wamphendula uYesu wathi: “Ukuba ndithethe ngendlela engeyiyo, cacisa ke. Kodwa ukuba ndithethe kakuhle, undibethela ntoni?”