John 18:25 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kekaloku u‐Simone Petrosi ebemi esota. Bati ngoko kuye: Nawe ungowakubadisipile bake na? Wakanyela yena, wati: Andinjalo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ke kaloku uSimon Petros wayemi esotha; bathi ngoko kuye, Ingaba nawe ungowabafundi bakhe yini na? Wakhanyela yena wathi, Andinguye.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ke kaloku uSimon Petros wayemi esotha. Bathi ngoko kuye, Ingaba nawe ungowabafundi bakhe yini na? Wakhanyela ke wathi, Andinguye.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UPetros wayesemi apho esotha, bambuza abanye besithi: “Akunguye na umfundi walaa mntu?” Wakhanyela kodwa uPetros, esithi: “Hayi, andinguye.”