John 18:28 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
BANDULA besuka no‐Yesu kwa‐Kayafasi bamr̔olela endlwini yenkosi; kwaye kube kusasa ke; baza bona ngokwabo abangena endlwini yenkosi, ukuze banganco̔liswa, koko ukuze bayitye ipasika.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Bamsusa ngoko uYesu kuKayafa, bamsa kwindlu yerhuluneli;bekukusasa ke oko; bona abangenanga endlwini yerhuluneli, ukuze bangadyobheki, ukuze bayidle ipasika.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Bamsusa ngoko uYesu kuKayafa, bamsa kwindlu yerhuluneli; bekukusasa ke oko; yaye bona abazange bangene endlwini yerhuluneli, ukuze bangazenzi inqambi; ukuze bayidle ipasika.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UYesu kwemkiwa naye kwakusasa kwaKayafa, wasiwa emzini werhuluneli. AmaJuda akangenanga khona wona, hleze ngokwesiko lawo azingcolise, angabi nalo ilungelo lokutya *iPasika.