John 18:36 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wati u‐Yesu ukupendula: Ubukumkani bam asi bubo obakwelilizwe: ukuba ubukumkani bam bube bubobakwelilizwe, abakonzi bam bebeya kulwa, ukuze ndinganikelwa kuma‐Juda: kodwa kaloku ubukumkani bam asi bubo obuvela apa.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Waphendula uYesu wathi, Ubukumkani bam asibubo obeli hlabathi; ukuba bebububo obeli hlabathi ubukumkani bam, amakhonza am ange ezama, ukuze ndinganikelwa kumaYuda; ngoku ke ubukumkani bam asibobalapha.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Waphendula uYesu wathi, Ubukumkani bam asibubo obeli hlabathi; ukuba bebububo obeli hlabathi ubukumkani bam, abakhonzi bam bebeya kulwa, ukuze ndinganikelwa kumaYuda; ngoku ke ubukumkani bam asibobalapha.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Wathi ke yena uYesu: “Asibobeli hlabathi ubukhosi bam. Xa bekunjalo amaphakathi am ebeya kundilwela, ukuze ndingabanjwa ngamaJuda, kodwa ke asibobalapha ubukhosi bam.”