John 18:37 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wandula u‐Pilati wati kuye: Ungukumkani na ke? Wati u‐Yesu ukupendula: Utsho wena ukuba ndingukumkani. Ndizalelwe oku, ndaye ndizele oku ndisiza elizweni, ukuze ndiyinqi̔nele inyaniso. Osukuba engowakuyo inyaniso, uyaliva ilizwi lam.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi ke uPilato kuye, Hina ke, ungukumkani na wena?Waphendula uYesu wathi, Nawe uthi ndingukumkani Mna ndizalelwe oku; ndizele oku ehlabathini, ukuze ndiyingqinele inyaniso.Bonke abangabenyaniso bayaliva ilizwi lam.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi ngoko uPilato kuye, Hina ke, ungukumkani na wena? Waphendula uYesu wathi, Nawe uthi ndingukumkani. Mna ndizalelwe oku; ndizele oku ehlabathini, ukuze ndiyingqinele inyaniso. Bonke abangabenyaniso bayaliva ilizwi lam.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UPilato wathi kuye: “Ke, ungukumkani?” Waphendula uYesu wathi: “Liphuma kuwe eli lithi ndingukumkani. Mna ndithi ndizalelwe ukungqinela inyaniso; ndizele loo nto kanye ehlabathini. Nabani na ongowenyaniso uyaliva ilizwi lam.”