John 19:11 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wati u‐Yesu ukupendula: Ubungayi kuba nagunya ngakum nakanye, ukuba ubungalinikwanga livela pezulu: ngako oku lowo wandinikelayo kuwe unesono esikulu ngakumbi.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Uphendule uYesu wathi, Unge ungenagunya nakanye kum, ukuba ubungalinikwanga livela phezulu; ngenxa yoko, ondinikeleyo kuwe unesono esikhulu ngakumbi.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Uphendule uYesu wathi, Unge ungenagunya nakanye kum, ukuba ubungalinikwanga livela phezulu; ngenxa yoko ondinikeleyo kuwe unesono esikhulu ngakumbi.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Waphendula uYesu wathi: “Ngewungenagunya kum mpela ukuba ubungalinikwanga nguThixo. Ngoko ke oyena unetyala ngulowo undizise kuwe.”