John 19:12 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Emveni kwoku wabefuna u‐Pilati ukumkulula: kodwa ama‐Juda abedanduluka, esiti: Ukuba lo uyamkulula, akunguye umhlobo ka‐Kesare: osukuba ezenza ukumkani uyamca̔sa u‐Kesare.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngenxa yoko wayefuna uPilato ukumkhulula; kodwa amaYuda ayenkqangaza esithi, Ukuba uthe wamkhulula lo, akusihlobo sikaKesare; bonke abazenza ukumkani bachasa uKesare.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngenxa yoko wayefuna uPilato ukumkhulula; kodwa amaYuda ayenkqangaza esithi, Ukuba uthe wamkhulula lo, akusihlobo sikaKesare; bonke abazenza ukumkani bachasa uKesare.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UPilato kwaba kukhona afuna ukumkhulula, kodwa amaJuda adanduluka esithi: “Ukuba uyamkhulula lo mntu, uya kuba akukho *ngakuKhesare. Kaloku umntu ozenza ukumkani, uchasa uKhesare.”