John 19:20 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Esi isiba̔lwa ke ama‐Juda amaninzi asilesesha; ngokuba londawo ibikufupi nesixeko, apo u‐Yesu wakuruseshelwa kona: kwabekuba̔liwe ngokwama‐Hebere, na ngokwama‐Girike, na ngokwama‐Roma.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Loo mbhalo ngoko into eninzi yamaYuda yawulesa; ngokuba indawo, uYesu awayebethelelwe kuyo emnqamlezweni, yayikufuphi nomzi; kwaye ke kubhaliwe ngesiHebhere, nangesiGrike, nangesiRoma.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Lo mbhalo ngoko into eninzi yamaYuda yawulesa; ngokuba indawo, uYesu awayebethelelwe kuyo emnqamlezweni, yayikufuphi nomzi; kwaye ke kubhalwe ngesiHebhere, nangesiGrike, nangesiRoma.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
AmaJuda amaninzi asifunda eso saziso, kuba loo ndawo uYesu wayebethelelwe kuyo emnqamlezweni yayikufuphi nesixeko. Isaziso eso sasibhalwe ngesiHebhere, nangesiLatini, nangesiGrike.

Recommended Reading