John 19:24 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ati ngoko elinye kwelinye: Masingaṙazuli yona, koko masenze amaqashiso ngayo, okuba yoba yekabanina: ukuze isiba̔lo sizaliseke, esiti: Babelana izivato zam, napezu kwengubo yam benza amaqashiso. Ezizinto ke ngoko amasodati lawo azenza.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Atshono ngoko ukuthi, Masingayikrazuli, masiqashise ngayo ukuba yoba yekabani na; ukuze isibhalo sizaliseke esithi, Babelana ngeengubo zam, Benza amaqashiso ngesambatho sam.Amasoldati ke ngoko azenza ezi zinto.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Atshono ngoko ukuthi, Masingayikrazuli, masiyenze amaqashiso, ukuba yoba yekabani na; ukuze sizaliseke isibhalo esithi, Babelana ngeengubo zam, benza amaqashiso ngesambatho sam. Amasoldati ke ngoko azenza ezi zinto.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke ngoko athetha-thethana esithi: “Masingasikrazuli; *masiqashise ngaso ukuba siya kuba sesikabani.” Ukwenjenje oku ayezalisekisa loo ndawo *eziBhalweni ithi: “Babelana ngeempahla zam; baqashisa ngesambatho sam.” Enza loo nto kanye amajoni.