John 19:31 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Andula ati ama‐Juda, ngenxa yokuba ibiyimini yokulungiselela, ukuze imizimba ingahlali ekuruseni ngesabata, (ngokuba ubungumhla omkulu owesabata leyo,) amtandaza u‐Pilati ukuba mayapulwe imilenze yabo, baze basuswe.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
AmaYuda ngoko, ukuze imizimba ingahlali emnqamlezweni ngesabatha, ekubeni yayiyimini yokulungiselela isabatha (kuba loo sabatha ibingumhla omkhulu), acela kuPilato ukuba imilenze yabo yaphulwe, basuswe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Athe ngoko amaYuda, ekubeni yayiyimini yokulungiselela, ukuba imizimba ingahlali emnqamlezweni ngesabatha (kuba loo sabatha ibingumhla omkhulu), acela kuPilato ukuba imilenze yabo yaphulwe, babanjwe, kude.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kwakungokuhlwa okwandulela *iPasika. AmaJuda ayengathandi ukuba kubekho imizimba esaxhonywe eminqamlezweni *ngoMhla wokuPhumla, ngakumbi ngalo wePasika. Amcela ke uPilato ukuba yaphulwe imilenze yâbo babebethelelwe, baze bothulwe nasemnqamlezweni.