John 19:36 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngokuba zenzekile ezizinto, ukuze isiba̔lo sizaliseke, sokuti: Aliyi kwapulwa nalinye itambo lake.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kuba zenzeka ezi zinto, ukuze isibhalo sizaliseke esithi, Akuyi kutyunyuzwa thambo lakhe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ezo zinto zenzeka ukuze isibhalo sizaliseke esithi, Akuyi kwaphulwa thambo lakhe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Zisenzeka nje ezi zinto, zazizalisekisa okuxelwe *ziziBhalo zisithi: “Akuyi kwaphulwa nalinye ithambo lakhe.”