John 19:38 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kekaloku emveni kwezizinto, u‐Josefe wase‐Arimateya, engumdisipile ka‐Yesu, enjalo kodwa ngasese ngenxa yokwoyika ama‐Juda, wamtandaza u‐Pilati ukuba makasuse umzimba ka‐Yesu: waza u‐Pilati wamvumela. Weza ngoko, wawususa umzimba ka‐Yesu.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ke kaloku emveni koko, uYosefu waseArimati (engumfundi kaYesu, ke enguye ngokufihlakeleyo ngenxa yokoyika amaYuda), wacela kuPilato, ukuba awususe umzimba kaYesu. Waza uPilato wavuma; weza ke wawususa umzimba kaYesu.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ke kaloku emveni koko, uYosefu waseArimati (engumfundi kaYesu, ke enguye ngokufihlakeleyo ngenxa yokoyika amaYuda), wacela kuPilato, ukuba awususe umzimba kaYesu. Waza uPilato wavuma; Weza ngoko, wawuthabatha umzimba kaYesu.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke kaloku emva koko uJosefu waseArimati wacela imvume kuPilato ukuba awuthathele kuye umzimba kaYesu. UJosefu lo wayengumlandeli ofihlakeleyo kaYesu ngenxa yokoyika amaJuda. UPilato wamvumela, waza ke uJosefu waya kuwuthula umzimba kaYesu.