John 2:9 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kekaloku nxa umpati womtendeleko ebevile lomanzi abenzwe iveyine, engazi ukuba ivela pina; (kodwa bebesazi abakonzi abebetulule amanzi:) umpati womtendeleko wambiza umyeni,
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ke kaloku, yakuweva injoli amanzi abenziwe iwayini (yayingayazi apho ivela khona; kodwa abalungiseleli ababewakhile amanzi babesazi), yasuka injoli yabiza umyeni.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ke kaloku, yakuweva injoli amanzi abenziwe iwayini, engayazi nalapho ivela khona;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
yaza injoli yawangcamla amanzi ajikwe aba yiwayini, koko ingazi apho ivela khona le wayini. Yayizizicaka kuphela ezazisazi, kuba ayekhiwe zizo amanzi. Injoli ke yambiza umyeni,