John 20:17 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wati u‐Yesu kuye: Ungandicu̔kumisi; ngokuba ndingekanyukelanga kubawo: kodwa yiya kubazalwana bam, uti kubo: Ndiyanyukela kuye ubawo wam noyihlo wenu, kwa utixo wam notixo wenu.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Uthi uYesu kuye, Ungandichukumisi; kuba andikanyuki ndiye kuBawo; ke yiya kubazalwana bam, uthi kubo, Ndiyenyuka, ndiya kuBawo, kuYihlo; kuThixo wam, kuThixo wenu.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Athi uYesu kuye, Ungandichukumisi; kuba andikanyuki ndiye kuBawo; ke hamba uye kubazalwana bam, uthi kubo, Ndiyenyuka, ndiya kuBawo, kuYihlo; nakuThixo wam, nakuThixo wenu.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Waza wathi uYesu: “Sukundibamba, kuba andikenyuki ndiye kuBawo. Hamba uye kuxelela abahlobo bam ukuba sendinyuka, ndisiya kuBawo okwanguYihlo, uThixo wam okwanguThixo wenu.”