John 20:19 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kwati kekaloku kwakuba kukuhlwa, ngolosuku ke, ngolwokuqala lweveki, ingcango zivaliwe nje apo abadisipile bebehlanganisene kona ngenxa yokwoyika ama‐Juda, weza u‐Yesu wema pakati, wati kubo: Uxolo malube kuni!
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kwakuhlwa ngoko, ngolokuqala usuku lweveki, zakubon ukuba iingcango zivaliwe, apho babehlanganisene khona abafundi, ngenxa yokoyika amaYuda, wafika uYesu wema phakathi, wathi kubo, Uxolo malube nani. Akutsho, wababonisa izandla necala lakhe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kwakuhlwa ngoko, ngolokuqala usuku lweveki, zakubon’ ukuba iingcango zivaliwe, apho babehlanganisene khona abafundi, ngenxa yokoyika amaYuda, wafika uYesu wema phakathi, wathi kubo, Uxolo malube nani.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngokuhlwa ngaloo mini yeCawe abafundi babehlangene, bezivalile iingcango kuba besoyika amaJuda. Wafika uYesu, wema phakathi kwabo, wathi: “Uxolo malube nani.”