John 20:2 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wandula wagidima, waya weza ku‐Simone Petrosi, nakulomdisipile omnye obetandwa ngu‐Yesu, wati kubo: Bayisusile inkosi encw̔abeni, asazi ke bayibekile pina.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Agidime ngoko, eze kuSimon Petros nakomnye umfundi, lowo ubethandwa nguYesu, athi kubo, Bayisusile iNkosi engcwabeni;asazi nalapho bayibeke khona.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Agidime ngoko, eze kuSimon Petros nakomnye umfundi, lowo ubethandwa nguYesu, athi kubo, Bayisusile iNkosi engcwabeni; asazi apho bayibeke khona.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Wabaleka, waya kuSimon Petros nalaa mfundi wayethandwa nguYesu, wathi kubo: “Bayithathile iNkosi engcwabeni. Asazi apho bayibeke khona.”