John 20:25 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Baye besiti ngoko kuye abanye abadisipile: Siyibonile inkosi. Kodwa yena wati kubo: Xeshekweni ndingati upa̔u lwezikonkwane ndilubone ezandleni zayo, nomnwe wam ndiwufake elupa̔wini lwezikonkwane, nesandla sam ndisifake ecaleni layo, andisayi kukolwa.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Babesithi ngoko kuye abanye abafundi, Siyibonile iNkosi.Wathi ke yena kubo, Ukuba andithanga ndilibone inxeba lezikhonkwane ezandleni zayo, ndiwufake umnwe wam enxebeni lezikhonkwane, ndisifake isandla sam ecaleni layo, andisayi kukholwa.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Bathi ngoko kuye abanye abafundi, Siyibonile iNkosi. Wathi ke yena kubo, Ukuba andithanga ndilibone inxeba lezikhonkwane ezandleni zayo, ndiwufake umnwe wam enxebeni lezikhonkwane, ndisifake isandla sam ecaleni layo, andisayi kukholwa.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke ngoko abanye abafundi bathi kuye: “Siyibonile iNkosi!” Kodwa yena wathi kubo: “Ndingekawaboni nje amanxeba ezikhonkwane ezandleni zayo, ndifake umnwe emanxebeni ayo, nesandla sam ndisifake ephangweni layo, andisoze ndikholwe.”