John 20:26 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kekaloku emveni kwentsuku zisibozo abadisipile bake bebepakati kanjako, no‐Tomasi ebenabo. Weza u‐Yesu, ingcango zivaliwe nje, wema pakati, wati: Uxolo malube kuni!
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Baye emveni kweentsuku ezisibhozo bekwangaphakathi abafundi bakhe; wayenabo noTomas. Afike uYesu, zakubon ukuba zivaliwe iingcango, eme phakathi, athi, Uxolo malube nani.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Baye emveni kweentsuku ezisibhozo bekwangaphakathi abafundi bakhe, wayenabo noTomas. Afike uYesu, zakubon’ ukuba zivaliwe iingcango, wema phakathi, athi, Uxolo malube nani.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
NgeCawe elandelayo, behlangene kwakhona endlwini abafundi bakaYesu, ekho noTomas, wafika uYesu, iingcango zivaliwe, wathi: “Uxolo malube nani.”