John 20:27 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wandula wati ku‐Tomasi: Sondeza umnwe wako apa, ukangele izandla zam; sisondeze nesandla sako, usifake ecaleni lam; uz’ ungabi ungakolwa, ube ukolwa.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Andule athi kuTomas, Ethe apha umnwe wakho, uzibone izandla zam; ethe isandla sakho, usifake ecaleni lam; musa ukuba ngongakholwayo, yiba ngokholwayo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Aze athi kuTomas, Ethe apha umnwe wakho, uzibone izandla zam; khawusondeze apha isandla sakho, usifake ecaleni lam; musa ukuba ngongakholwayo, yiba ngokholwayo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Waza wathi kuTomas: “Faka apha umnwe wakho, uzibone izandla zam. Solule isandla sakho, usifake ephangweni lam. Yeka ukungakholwa oku! Kholwa!”