John 21:15 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kekaloku xeshekweni bebedlile, wati u‐Yesu ku‐Simone Petrosi: Simone, nyana ka‐Jona! uyanditanda na ngokukulu kubo aba? Wati kuye: Ewe, Nkosi! uyazi ukuba ndiyakutanda. Wati kuye: Dlisa imvana zam ukutya.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Bathi ke bakomula, athi uYesu kuSimon Petros, Simon kaYona, uyandithanda na ngaphezu kwaba? Athi kuye, Ewe, Nkosi, uyazi wena ukuba ndiyakuthanda. Athi kuye, Dlisa amatakane am.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Bakomula, athi uYesu kuSimon Petros, Simon kaYona, uyandithanda na ngaphezu kwaba? Athi kuye, Ewe, Nkosi; uyaqonda wena ukuba ndiyakuthanda. Athi kuye, Dlisa amatakane am.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Emva kokuba betyile, uYesu wathi kuSimon Petros: “Simon, nyana kaYohane, uyandithanda na ngaphezu kwaba?” Wathi kuye: “Ewe, Nkosi, uyazi ukuba ndiyakuthanda.” Wathi kuye uYesu: “Yondla amatakane am.”