John 21:18 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngokwenene, ngokwenene, nditi kuwe: Okuya ubusemtsha, ubuzibinqa ngokwako, wahamba apo ubutanda ukuhamba kona; kodwa xeshekweni uba mdala, uya kuzolula izandla zako, waeya kuti omnye akubinqe, akuse apo ungatandi ukuya kona.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Inene, inene, ndithi kuwe, Oko ubusemtsha ubuzibhinqisa ngokwakho, uhambe apho uthanda khona; kodwa xa uthe waluphala, uya kuzolula izandla zakho, ubhinqiswe ngomnye, akuse apho ungathandiyo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Inene, inene, ndithi kuwe, Oko ubusemtsha ubuzibhinqisa ngokwakho, uhambe apho uthanda khona; kodwa xa uthe waluphala, uya kuzolula izandla zakho, ubhinqiswe ngomnye, akuse apho uthanda khona, hayi.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ndithi kuwe, inene, oko ubusemtsha ubuzibhinqisa, uye apho uthanda ukuya khona, kodwa xa sewaluphele uya kuziphakamisa izandla zakho, ubhinqiswe ngomnye, akuse apho ungathandi kuya khona.”