John 21:23 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kwandula kwapuma isiteto esi pakati kwabazalwana, sokuba umdisipile lowo akayi kufa: kanti u‐Yesu akatsho kuye ukuti, akayi kufa; wati: Ukuba ndiyatanda okokuba ahlale yena ndide ndize, kuyinto nina kuwe oko?
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Laphuma ngoko eli lizwi, laya kubazalwana, ukuba loo mfundi akayi kufa. Waye uYesu engatshongo kuye ukuthi, Akayi kufa; wathi, Ukuba ndithi ndithande ukuba yena ahlale ndide ndifike, iyini na loo nto kuwe?
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Laphuma ngoko eli lizwi, laya kubazalwana, ukuba loo mfundi akayi kufa. Waye uYesu engatshongo kuye ukuthi, Akayi kufa; wathi, Ukuba ndithi ndithande ukuba yena ahlale ndide ndifike, iyini na loo nto kuwe?
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Yathetheka ke le ntetho phakathi kwabalandeli bakaYesu, kusithiwa loo mfundi akayi kufa. Kodwa uYesu wayengatshongo kuye ukuba akayi kufa; wayethe: “Ukuba ndifuna abekho ndide ndibuye, inamsebenzi mni na loo nto kuwe?”