John 3:2 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
yena lo weza ku‐Yesu ngobusuku, wati kuye: Rabi! siyazi ukuba ungumfundisi ovele kutixo; ngokuba kungeko mntu ongayenzayo lemimangaliso oyenzayo wena, nxa utixo angenaye.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Lowo weza kuYesu ebusuku, wathi kuye, Rabhi, siyazi ukuba ungumfundisi ovela kuThixo; kuba akukho namnye unako ukuyenza le miqondiso uyenzayo wena, ukuba uThixo akanaye.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Yena weza kuYesu ebusuku, wathi kuye, Rabhi, siyazi ukuba ungumfundisi ophuma kuThixo; kuba akukho namnye unako ukuyenza le miqondiso uyenzayo wena, ukuba uThixo akanaye.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngabusuku buthile lo Nikodimo weza kuYesu, wathi: “Mfundisi, siyazi ukuba ungumfundisi ovela kuThixo, kuba akukho bani unako ukuyenza le miqondiso uyenzayo wena, ukuba uThixo akanaye.”