John 4:14 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
kodwa lowo usukuba esela kulomanzi aya kuwapiwa ndim, akasayi kuza anxanwe napakade; koko lomanzi endiya kumpa wona, oba pakati kwake engumtombo wamanzi empompozela ebomini obungunapakade.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
ke yena othe wasela kuwo amanzi, endiya kumpha wona mna, akasayi kuza anxanwe naphakade; aya kusuka amanzi, endiya kumpha wona, abe ngumthombo kuye wamanzi ampompozela ebomini obungunaphakade.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
ke yena othe wasela kuwo amanzi, endiya kumpha wona mna, akasayi kuza anxanwe naphakade; kodwa amanzi, endiya kumpha wona, aya kuba kuye iqula lamanzi ampompozela ebomini obungunaphakade.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke yena othe wawasela amanzi endiya kumpha wona mna, soze anxanwe naphakade. Amanzi endiya kumnika wona, aya kuba ngumthombo ompompoza kuye, emnika obona bomi bungenasiphelo.”