John 4:21 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wati u‐Yesu kuye: Mfazi! kolwa ndim, ukuba ixeshana liyeza, xeshekweni ningayi kuti nakulentaba nase‐Yerusaleme nimbedeshe uyise.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Athi uYesu kuyo, Ntokazindini, kholwa ndim, ukuba kuza ilixa, eningasayi kuthi nakule ntaba, naseYerusalem, nimnqule uBawo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Athi uYesu kuyo, Ntokazindini, kholwa ndim, ukuba kuza ilixa, eningasayi kuthi nakule ntaba, naseYerusalem, nimnqule uBawo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UYesu wathi kuye: “Ndiyakuxelela, liyeza ixesha ekothi ngalo ningabi samnqula uBawo kule ntaba okanye eJerusalem.