John 4:27 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Bati pezu kwoku bafika abadisipile bake, bati nqa ukuba ebeteta nomfazi: kodwa noko bekungeko owatshoyo ukuti: Ufuna nto nina? umhlaumbi ukuti: Yinina ukuba utete naye?
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kwathi kwangoko bafika abafundi bakhe, bamangaliswa kukuba athethe nomntu oyinkazana; noko ke akubangakho namnye owathi.Ufuna ntoni na? nowathi, Yini na ukuba uthethe nayo?
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kwathi kwangoko bafika abafundi bakhe, bamangaliswa kukuba athethe nomntu oyinkazana; noko ke akubangakho namnye owathi. Ufuna ntoni na? okanye, Yini na ukuba uthethe nayo?
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kwathi ngelo xesha bafika abafundi bakaYesu, bamangaliswa kukuba ethetha nomntu obhinqileyo. Noko akubangakho namnye owathi: “Ufuna ntoni na kuye?” okanye owathi: “Kutheni na ukuba uthethe naye?”