John 4:35 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Anitsho na ukuti: Kuseko inyanga ezine, kwandul’ ukufika ukuvuna? bona ke, nditi kuni: Pakamisani amehlo enu, nikangele amasimi, ukuba asel’ emhlope kuvunwe.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Anitsho na nina ukuthi, Iinyanga zisene, kuze kufike ukuvuna? Yabonani, ndithi kuni, Waphakamiseni amehlo enu, niwakhangele amasimi; ngokuba aselemhlophe ukuba kuvunwe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Anitsho na ukuthi, Kusele iinyanga ezine, kuvunwe? Yabonani, ndithi kuni, Waphakamiseni amehlo enu, niwakhangele amasimi; ngokuba aselemhlophe ukuba kuvunwe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Anitsho na ukuthi: ‘Kusele iinyanga ezine, kuvunwe’? Niyabona, ndithi kuni, inene, wakhangeleni kakuhle amasimi; nophawula ukuba akulungele ukuvunwa.