John 4:52 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wandula wabuza kuzo iyure waqilipala ngayo. Zaza zati kuye: Izolo ngeyure yesixe̔nxe icesine lamyeka.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wabuza ngoko kuzo ilixa aqale ukuchacha ngalo; zathi kuye, Izolo, ngelixa lesixhenxe, yamyeka icesina.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wabuza ngoko kuzo ilixa aqale ukuchacha ngalo; zathi kuye, Izolo, ngelixa lesixhenxe, yamyeka icesina.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Yabuza ke ukuba uqale nini na ukuchacha, zaza zathi: “Uchache izolo ngentsimbi yokuqala emva kwemini kuloo mkhuhlane.”