John 4:9 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wandula wati umfazi wase‐Samariya kuye: Yinina ukuba wena ungum‐Juda nje ucele ukusela kum, ondingum‐Samariyakazi? (Ngokuba ama‐Juda engadlelani nama‐Samariya.)
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ithi ngoko intokazi engumSamariyakazi kuye, Uthini na wena, ungumYuda nje, ukucela kum into eselwayo, ndingumSamariyakazi nje? Kuba akanabudlelane amaYuda namaSamariya.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ithi ngoko intokazi engumSamariyakazi kuye, Uthini na wena, ungumYuda nje, ukucela kum into eselwayo, ndingumSamariyakazi nje? kuba amaYuda akanazinkqubano namaSamariya.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Waphendula ke umSamariyakazi wathi kuye: “Ungathini na wena ungumJuda nje, ukuwacela kum amanzi, ndingumSamariya nje mna?” Kaloku amaJuda akanabudlelane namaSamariya.