John 5:19 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wandula wapendula u‐Yesu wati kuwo: Ngokwenene, ngokwenene, nditi kuni: Unyana akangenze nto ngokwake, uyenza into ambona uyise eyenza kupela; ngokuba izinto asukuba ezenza yena lowo, ezi uyazenza kwa njalo nonyana.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Waphendula ngoko uYesu, wathi kuwo, Inene, inene, ndithi kuni, UNyana akanakwenza nto ngokwakhe, engathanga abone uYise eyenza; kuba izinto asukuba ezenza yena, ezo uyazenza uNyana kwangokunjalo;
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Waphendula ngoko uYesu, wathi kuwo, Inene, inene, ndithi kuni, uNyana akanakwenza nto ngokwakhe, engathanga abone uYise eyenza; kuba izinto asukuba ezenza yena, uyazenza uNyana kwangokunjalo;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke ngoko uYesu waziphendulela kumaJuda, wathi: “Ndithi kuni, inene, ayikho into ayenza ngegunya lakhe uNyana; kuphela wenza oko akubona kusenziwa nguYise. Oko akwenzayo uYise, naye uNyana uyakwenza;