John 5:36 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kodwa ubunqi̔na endinabo mna bukulu kobuka‐Johane: ngokuba imisebenzi endiwanikiweyo ngubawo ukuba ndiyifeze, eyona imisebenzi endiyenzayo, iyanqi̔na ngam, ukuba ubawo unditumile.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Mna ke ndinabo ubungqina obungaphezu kobukaYohane; kuba imisebenzi awandinikayo uBawo ukuba ndiyifeze, yona le misebenzi ndiyenzayo mna, iyangqina ngam, ukuba uBawo undithumile.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kodwa ndinabo ubungqina obungaphezu kobukaYohane; kuba imisebenzi awandinikayo uBawo ukuba ndiyifeze, yona le misebenzi ndiyenzayo mna, iyangqina ngam, ukuba uBawo undithumile.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kodwa ndinabo ubungqina obungaphezulu kobo bukaYohane, kuba imisebenzi andithumileyo uBawo ukuba ndiyifeze, ezi zinto kanye ndizenzayo, ziyandingqinela ukuba ndithunywe nguBawo.