John 5:4 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngokuba ibisiti ingelosi ngamaxesha atile yehlela kwelocibi, yazamazamisa amanzi: yena ngoko owangena kuqala emveni kwokuzanyazanyiswa kwamanzi, ebesenzwa epilile, noko wayebanjwa sisifo esinjanina.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kuba isithunywa sezulu ngaxesha lithile besisihla, singene echibini, siwagxobhagxobhe amanzi; lowo ngoko ubethe angene tanci emva kokugxojwagxojwa kwamanzi, ubephila nakusiphi na isifo abebanjwe siso.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kuba isithunywa sezulu ngaxesha lithile besisihla, singene echibini, siwagxobhagxobhe amanzi; lowo ngoko ubethe angene tanci emva kokugxojwagxojwagxojwa kwamanzi, ubephila nakusiphi na isifo abebanjwe siso.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
kuba ngamaxesha athile sasisithi isithunywa seNkosi singene echibini apho, siwazama-zamise amanzi. Sasisithi ke isigulana esingene kuqala echibini emva kokuzanya-zanyiswa kwamanzi, siphile nakusiphi na isifo esasinaso.]