John 6:10 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza wati u‐Yesu: Yenzani abantu bahlale pantsi. Kekaloku bekuko utyani obuninzi kulondawo. Andula ahlala pantsi amadoda, anga angamawaka mahlanu inani lawo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Uthe ke uYesu, Bahlaliseni phantsi abantu. Kwaye ke kukho utyani obuninzi kuloo ndawo. Ahlala phantsi ngoko amadoda, engathi amawaka mahlanu inani.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Uthe ke uYesu, Bahlaliseni phantsi abantu. Kwaye ke kukho utyani obuninzi kuloo ndawo. Ahlala phantsi ke amadoda, engathi amawaka mahlanu inani.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Waza uYesu wathi: “Bahlaliseni phantsi abantu.” Kwakukho ibala elikhulu elinengca apho, baza bahlala phantsi. Inani lamadoda lalikumawaka amahlanu.