John 6:15 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wati ngoko u‐Yesu, esazi ukuba bebeya kuza bamsuse ngamandla, ukuze bamenze ukumkani, wabuya wemkela entabeni yena ngokwake yedwa.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Uthe ngoko uYesu, esazi ukuba bahlalele ukuza kumbamba ngamandla, bamenze ukumkani, wabuya wemka, waya entabeni Yena yedwa.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Uthe ngoko uYesu, esazi ukuba bahlalele ukuza kumbamba ngamandla, bamenze ukumkani, wabuya wemka, waya entabeni Yena yedwa.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Waqonda uYesu okokuba bazimisele ukuza kumthatha bamenze ukumkani, waza wemka, waya entabeni eyedwa.