John 6:22 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngomnye umhla, isihlwele esibe simi pesheya kwolwandle, sakubona ukuba bekungeko kona omnye umkombe, bekuko lowo bangena kuwo abadisipile bake kwapela, nokuba u‐Yesu akaya kunye nabadisipile bake emkonjeni lowo, koko abadisipile bake bemkayo bodwa;
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngengomso indimbane leyo, ibimi phesheya kolwandle, yakuba ibonile ukuba akukho mkhonjana wumbi khona, ngulowo mnye wodwa babengene kuwo abafundi bakhe; nokuba uYesu akangenanga nabafundi bakhe emkhonjaneni lowo, bemke bodwa abafundi bakhe;
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngengomso indimbane leyo, ibimi phesheya kolwandle, yabona ukuba akukho mkhombe wumbi khona apho, ingenguwo lowo bangene kuwo abafundi bakhe, nokuba uYesu akangenanga nabafundi bakhe emkhombeni, wemka nabafundi bakhe, bemka bodwa;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngengomso indimbane yabantu yayisekho ngaphesheya koLwandle lwaseGalili. Abantu aba babebone isikhitshana sasinye kuphela, baye babesazi okokuba uYesu wayengakhwelanga nabafundi bakhe, kuba bona babehambe bebodwa.