John 6:26 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wabapendula u‐Yesu wati: Ngokwenene, ngokwenene, nditi kuni: Niyandifuna, kungengokuba nabona imimangaliso, kungokuba nibe nisitya kwezozonka, nahluta nokuhluta.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wabaphendula uYesu wathi, Inene, inene, ndithi kuni, Anindifuni ngakuba nabona imiqondiso; nindifuna ngokuba nadla kwezaa zonka, nahlutha.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wabaphendula uYesu wathi, Inene, inene, ndithi kuni, Anindifuni ngakuba nabona imiqondiso, nindifuna ngokuba nadla kwezaa zonka, nahlutha.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Waphendula uYesu wathi: “Ndithi kuni, inene, anizanga kundifuna kuba nibone imiqondiso endiyenzayo; nindifuna kuba nitye esaa sonka nahlutha.