John 6:42 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Aza ati: Lo asi nguye na u‐Yesu unyana ka‐Josefe, osibaziyo uyise nonina? kuyinina pofu ukuba uti lo: Ndihlile ezulwini?
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ayesithi ke, Lo asinguye na kanene uYesu, unyana kaYosefu, esimaziyo thina uyise nonina? Angathini na ke ngoko yena ukuthi, Ndihle emazulwini?
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ayesithi ke, Lo asinguye na kanene uYesu, unyana kaYosefu, esimaziyo thina uyise nonina? Angáthini na ke ngoko ukuthi, Ndihle emazulwini?
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
athi: “Lo mfo akanguye na uYesu, unyana kaJosefu? Sibazi nje ke abazali bakhe, angathini ngoku ukuthi wehla ezulwini?”