John 6:45 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kuba̔liwe ebaprofiteni ukuti: Boba bonke befundiswa ngutixo. Ngako osukuba evile kubawo, wafunda nokufunda, nyeza kum.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kubhaliwe ebaprofetini kwathiwa, Baye bonke beya kuba ngabafundiswa bakaThixo; bonke ngoko abathe beva kuBawo, bafunda kuye, bayeza kum.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kubhaliwe ebaprofetini kwathiwa, Baye bonke beya kuba ngabafundiswa bakaThixo; Bonke ngoko abathe beva kuBawo, bafunda kuye, bayeza kum.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
*Abashumayeli bâbhala bathi: ‘Bonke baya kuba ngabafundisiweyo nguThixo.’ Bonke ke abathe bamphulaphula uBawo, baza bafunda kuye, bayeza kum.