John 6:51 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Mna ndisiso isonka esipilileyo, eso sehlayo ezulwini: ukuba umntu uyatya kuso esisonka, wodla ubomi kude kube ngunapakade: nakanjalo isonka endiya kusinika mna, siyiyo inyama yam, endiya kuyinikela ubomi belizwe.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ndim isonka esiphilileyo, esi sehlayo emazulwini. Ukuba ubani uthe wasidla esi sonka, wodla ubomi ngonaphakade; ke isonka endiya kumnika sona mna, siyinyama yam, endiya kuyinikela ubomi behlabathi.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ndim isonka esiphilileyo, esi sehlayo emazulwini. Ukuba ubani uthe wasidla esi sonka, wodla ubomi ngonaphakade; ke isonka endiya kusinika mna siyinyama yam, endiya kuyinikela ubomi behlabathi.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ndim isonka esinobomi, esihlileyo sivela ezulwini. Ukuba ubani uthe wasitya esi sonka, wophila ngonaphakade. Isonka endiya kumnika sona ngumzimba wam, endiwunikelayo ukuze ihlabathi liphile.”