John 6:64 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Koko bako inxenye kuni abangakolwayo. Ngokuba ebesazi u‐Yesu kwa sekuqaleni, ukuba bangobanina abangakolwayo, nokuba ungubanina oya kumngcatsha.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kukho abathile kuni abangakholwayo. Kuba ebesazi kwasekuqalekeni uYesu, ukuba ngoobani na ababengakholwa, nokuba ngubani na oya kumnikela.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kodwa kukho abathile kuni abangakholwayo. Kuba ebesazi kwasekuqalekeni uYesu, ukuba ngoobani na ababengakholwa, nokuba ngubani na oya kumngcatsha.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kanti ke noko basekho kuni abangakholwayo.” Kaloku uYesu wayebazi kwangaphambili abo bangakholwayo, emazi kwanalowo wayeza kumngcatsha.