John 7:23 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ukuba ukwaluka umntu uyakwamkela ngemini yesabata, ukuze kungapulwa umteto ka‐Mosesi: nindiqumbele na, ngokuba ndimpilisile umntu umzimba wonke ngemini yesabata?
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ukuba umntu uyaluswa ngesabatha, ukuze ungaphulwa umthetho kaMoses, nindijalele na ngokuba ndiphilise umntu, waphila kwaphela, ngesabatha?
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ukuba umntu uyaluswa ngoMhla woPhumlo, ukuze ungaphulwa umthetho kaMosis. Nindijalele na ngokuba ndiphilise umntu, waphila kwaphela, ngesabatha?
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ukuba ke umntwana oyinkwenkwe niyamalùsa ngoMhla woPhumlo, ngenxa yokuba nifuna ukugcina umthetho kaMosis, kutheni ke ukuba nikhathazeke kuba ndithe ndaphilisa umntu?